

BONA XHOSA - June 1995 1 1 

 UMTH ETHO
UFreda unokumangala afune imali yesondlo. Kuza kufuneka alandele le migaqo.

1. Kubhalise ukuzalwa komntwana wakho
UFreda sewambhalisa uFreda. Waya kumbhalisa kwiofisi yeSebe lezeKhaya kwingingqi yakhe. Amagosa aloo ofisi amnika iifomu ekufuneka azizalise. Maxa wambi usinikwa ngelo xesha isiqinisekiso sokuzalwa kanti maxa wambi kuthiwa uphinde usilande.










2. Sebenzisa inkundla ukunyanzela uyise womntwana ahlawule imali yesondlo xa esala okanye xa engenakuhlawula zonke iinyanga

Akukho mali uyihlawulayo ngokusebenzisa inkundla yokumangalela isondlo. Yiya enkundleni ucele ukubonana negosa elijongene nezimangalo zesondlo. Lixelele ukuba ufuna ukumangalela uyise womntwana wakho ahlawule imali yesondlo.

Kufuneka uphathe amaphepha abonisa ukuba wamkela malini neendleko zakho:
irenti, ukutya, imali oyihlawula esikolweni, njalo-njalo. Igosa elijongene namatyala esondlo liya kukubuza imibuzo enjengale Ngubani uyise womntwana? nokuthi Uphi uyise womntwana? Kufuneka umazi apho akhoyo uyise womntwana. Igosa lasenkundleni linokukucebisa indlela yokumfuna. Liya kukunceda uzalise ifomu lize lithethe nawe ngokuthi yimalini yesondlo ofuna ihlawulwe nguyise womntwana.

3. Yiya kwintlanganiso yesondlo

Igosa lenkundla yesondlo liya kubiza uyise womntwana ukuba afike kwiofisi yalo ngemini ethile. Ngaloo mini, kuza kuba ligosa lenkundla, uyise womntwana nawe ukuze nizame ukuvumelwena ngemali yesondlo emayihlawulwe nguyise womntwana. Igosa lenkundla liza kunibuza nobabini ukuba namkela malini nokuthi zingakanani iindleko zenu. Ukuba niyavumelana noyise womntwana niya kutyikitya umyalelo wesondlo oxela imali efanele ihlawulwe nguyise womntwana
ngenyanga okanye ngeveki. Xa ningavumelani igosa lenkundla yesondlo liya kunibizela etyaleni lesondlo.

4. Ityata lemali yesondlo

Apha igosa lenkundla yesondlo liya kunibuza eminye imibuzo yokuthi namkela malini nokuthi zingakanani iindleko zenu. Kufuneka ubonise ukuba wamkela malini ngokuveza iphepha lokwamkela lakho neerisithi ukuba unazo. Etyaleni igosa lenkundla liya kuyalela uyise womntwana ukuba ahlawule malini zonke iinyanga. Loo mali uya kuyibhala njengomyalelo wenkundla. Uyise womntwana kufuneka ahlawule loo mali ayiyalelweyo kungenjalo uya kuba uphula umthetho yaye
unokuvalelwa ngokungathobeli umyalelo wenkundla.

5. Qinisekisa ukuba iyahlawulwa imali yesondlo

Uyise womntwana unokuyihlawula imali enkundleni okanye ayifake kwiakhawunti yakho yebhanki. Kokona kubhetele ukuba neakha-wunti ebhankini ukuze kungabikho mfuneko yokuyolanda imali yesondlo somntwana enkundleni. Ungaze uvume ukuyinikwa nguyise womntwana imali yesondlo kuba akuyi kuba nobungqina bokuba uyihlawule okanye akayihlawulanga.







AMALUNGELO OLUNTU


Unyulo loomasipala
Sekusele iinyanga ezine lufike unyulo loomasipala kwaye amaqela epolitiki nabantu azigqatsele unyulo baxakekile bagraya abantu abaza kubavotela. KuTyhila Ufunde wenyanga ephelileyo sachaza izizathu zokubaluleka kokulubhalisela unyulo loomasipala. Kule nyanga ziya kuthetha ngendlela elusebenza ngayo olu nyulo, ukuthi ngubani nokuthi yintoni oza kuba uyivotela!



Ukuba ungummi waseMzantsi-Afrika
oneminyaka engaphezu kwe18 ubudala ufanele ukuba sewulubhalisele ngoku unyulo loomasipala. Yiya uyojonga igama lakho ukuba likhona na kuluhlu lwabavoti! Qinisekisa ukuba likhona ukuze ube nako ukuvota kunyulo lukaNovemba!

lndlela oluza kusebenza ngayo unyulo

Unyulo loomasipala aluzufana nonyulo lukarhulumente welizwe obelungo-1 994. Kolu unyulo siza kuvotela iikhansila eziza kuphatha oomasipala bethu. Kwizixeko ezikhulu, oomasipala babizwa ngokuba ziimetro substructure.

Ndiya kwazi njani ukuba ingingqi yam ingaphantsi kukamasipala okanye imetro subtructure?

Okwangoku ngamaBhunga eThutyana (iiTLC) alungiselela unyulo. Tsalela
umnxeba okanye uye kwiofisi kamasipala wengingqi yakho uyobuza ukuba ingingqi yakho ingaphantsi komasipala na okanye ingaphantsi kwemetro substructure.

Ezilalini uza kuvotela umasipala kodwa akucaci nokuba uMasipala weDolophu uza kuququzelela umsebenzi womasipala wasezilalini na.

Ezixekweni ezikhulu ezinjengejohannesburg, ikapa neTheku, abavoti baza kuba ngaphantsi kweMetro Council. Eli bhunga liqwalasela umsebenzi weeMetro Substructure.

Ngaba oko kuza kwenza umahluko xa ndivota?

Ewe. Kaloku iMetro Subtructure iyinxalenye yeGreater Metro Council. Bonke abavoti abahlala kwiiMetro Subtructure baza kufumana ithuba lokuvotela isubtructure neMetro Council. Ngoko bona baza kuvota kabini.
Ezi khansila ziza kuba ngaphan kwesiqingatha sebhunga likamasipala. (ama-40%).

Amaphepha okuvotela iikhansila zamaqela epolitiki

Bonke abantu abavotela iikhansile zamaqela epolitiki baya kuvotela iqela abalithandayo. Iqela elifumana iivoti ezininzi liya kuba nabantu abaninzi abalimeleyo kumasipala okanye kwiMetro Substrusture.

Amalungu kamasipala okanye iMetro Subtructure kuza kwenziwa ngabantu abazigqatsele unyulo bamaqela. Aba bantu baza kuphuma kuluhlu olwenziwe ngaphambi konyulo.
















AMALUNGELO OLUNTU


Umasipala neMetro structure nganye iza kuba neendidi ezimbini zeekhansila:

B. IiWard Councillor:
Ezi khansila ziza kuba sisiqingatha seekhansila zikamasipala okanye imetro substructure a-605 aseleyo.

Indawo nganye engaphantsi kukamasipala iza kwahlulwahlulwa ibe ziiwadi ezincinane. Kuza kubakho iikhansila ezizigqatsele unyulo kwiwadi nganye. Xa zithanda zinokuzigqatsa zizimele okanye zibe phantsi kombutho othile wepolitiki.

Xa uvota uya kunikwa iphepha elinabo bonke abantu abazigqatsileyo kwingingqi yakho. Beka u-X ecaleni kwegama lomntu omvotelayo. Ikhansila efumene iivoti ezininzi iya kuba lilungu likamasipala.

Ukuvotela iMetro Council

Unyulo lweeMetro Substructure luza kuqhutywa ngendlela efanayo noloomasipala. Bonke abavoti abahlala kwiindawo ezingaphantsi kwesixeko baya kufumana nethuba lokuvotela uMasipala wesixeko.

Wonke umntu ohlala esixekweni uya kufumana iphepha lokuvota elifanyo. Kwakhona eli phepha liza kuba noluhlu lwamaqela alungeneleyo unyulo. Umvoti uvotela iqela alithandayo.

Kolu nyulo, ama-40% eekhansila aza kungena kumasipala wesixeko. Ama-
60% aya kuza ziikhansila ezinyulwe kwiimetro-substructure.



14 BONA XHOSA - June 1995


AMALUNGELO OLUNTU



Ndineminyaka eli-17 ubudala kodwa ndiza kugqiba iminyaka eli-18 ngaphambi kwemini yonyulo.
Ndingakubhalisela ukuvota?
Umthetho uthi kufuneka ube neminyaka eli-18 ukuze ube nokuvota. Ukuba uneminyaka eli-17 kodwa uza kuba uneminyaka eli-18 ngaphambi komhla woku-1 kuNovemba, ekuyimini yonyulo, unako ukubhalisela ukuvota.

Xa igosa lalapho kubhaliswa khona lakwalela ukuba ubhalise, kwakufanele ukuba uye wayokwenza isikhalazo kwiElection Dispute Committee. Unokuqhagamshelana neElection Dispute Committee kumasipala wengingqi yakho. Ukuba unezinye iingxaki qhagamshelana neqela lepolitiki olixhasayo.



Sineminyaka emininzi singayihlawuli imali yerenti kwingingqi yam. Sibhalisele ukuvota yaye ngoku urhulumente uyawazi amagama needilesi zethu. Ngaba baza kuzisebenzisa ezo ngcombolo ukusinyanzela ukuba sihlawule irenti?


 Unyulo loomasipala
lwehlukile kunyulo lukarhulumente welizwe. Nangona iqela olixhasayo limelwe epalamente okanye kurhulumente wephondo, awunaye umntu okumeleyo ovela kwingingqi yakho. Xa nineengxaki kwingingqi yakho, ngokomzekelo ukunqongophala kwamanzi okanye
izindlu, uye ungazi Uluhlu lwabavoti luza kusetyenziswa kunyulo kuphela. Olu luhlu lwenzelwe ukuba unyulo luhambe kakuhle nokuqinisekisa ukuba abantu abavoti kabini. Alunakusetyenziswa ekuqokeleleni imali yerenti engazange ihlawulwe ngabantu. Akukho gosa limbi liya
kulufumana elisenokulusebenzisa ukufumana abanamatyata eelayisensi zikamabonakude, amanzi okanye umbanne.

BONA XHOSA - June 1995 15


AMALUNGELO OLUNTU


Ndingum-sebenzi osisicaka.
Ndihlala emzini womqeshi wam ixesha elininzi enyakeni, kodwa ndiyagoduka ndiye ekoloni xa ndineholide. Ndifanele ndivote phi?
Xa ubhalisela ukuvota kufuneka usebenzise idilesi yalapho uhlala khona. Ixesha elininzi lonyaka ulihlala emzini womqeshi wakho. Eneneni kulapho uhlala khona ixesha eiininzi yaye kulapho kunokuba lula kuwe ukuvota khona.

Umsebenzi 1

Nika iindidi ezimbini zeekhansila eziza kungenela unyulo loomasipala nolweemetro sustructure?

2. Zingaphi iikhansila zeWomen Liberation Party eziza kungena kumasipala xa iqela labo lifumene iivoti ezingama-50% kunyulo yaye kukho izihlalo ezingama-20?

3. Ndingafumana njani ukuba ndiza kuvotela umasipala na okanye imetro council nokuthi igama lam likho na kuluhlu kwabavoti? 


Siya kwazi njani ukuba umntu akabhalisanga kwiindawo eziliqeia ezahlukeneyo?

Selukho uluhlu olungekagqitywa labantu ababhalisele ukuvota. Unokujonga kolo luhlu ukuba likho na igama lakho, kwakhona unokubona kulo xa kukho umntu obhalise kwiindawo ezininzi. Iingcombolo zomvoti ngamnye zifakwe kwikhompyutha.
Amagosa onyulo aya kumbhaqa umntu obhalisele unyulo kwiindawo ezininzi. Ikwalityala elibi elo.






12 BONAXH0SAJune 1995

		BONAXHOSA-June 1995 13

